Intshayelelo

Ngelixa ungagcina ikhaya lakho licocekile kwaye licocisekile, ukuphuma uye ezivenkileni okanye kwiindawo zikawonkewonke kwandisa umngcipheko wokosuleleka.

Iindawo ezihlala ziphathwa njengezinto zokugcina iimpahla kunye neempompo zerhasi zinokuchaphazeleka ukuba umntu ogulayo uchukumise phambi kwakho. Njengoko kufanele ukhumbule ukugcina umgama kwabanye abantu, ungazifumana ngokungazi uphakathi kwabantu abagulayo njengoko ulinde emgceni wokuthenga izinto ezidingekayo.

Ukunxiba imaski yobuso neegloves ezilahlwayo xa uphumela ngaphandle kuluncedo ekuzikhuseleni nkunye nabanye ekusulelekeni ngelixa loqhambuko.

Lencwadana ikunika ulwazi lokusebenzisa kakuhle iimaski zobuso neegloves ezilahlwayo. 

Isigqumabuso

Isigqumabuso zinokunceda ukunciphisa ukusasazeka kweentsholongwane xa umntu ogulayo encokola, ekhohlela okanye ekutyhafeni. Ngokunxiba ezi maski, abantu abagulayo banokukunceda ukuthintela ukusasazeka kwezifo kwabanye.

Nxiba imaski ebusweni xa ugula sisifo esosulelayo okanye ukrokrela ukuba uyagula.

Kubalulekile ukwazi ukuba ungosuleleka ungaqondanga. Umzekelo, umntu angabanesifo emzimbeni wakhe kodwa angabinazimpawu zokugula. Kodwa omnye umntu odibene naye angasuleleka.

Kungoko kufanele rhoqo unxibe imaski yobuso xa uphakathi kwabantu abadala okanye abantu abanengxaki zempilo ukunciphisa ukusasazeka kweentsholongwane.

Nxiba imaski yobuso ukuba kunokwenzeka unokunxibelelana nabantu abosulelekileyo.

Isadgumo buso sinokusebenza kwenye injongo-inokukunceda ekuthinteleni umlomo okanye impumlo.

Umzekelo, ukuba uchukumisa umphezulu obungcoliswe ngumntu ogulayo ochukumise phambi kwakho, iintsholongwane ziya kungena ezandleni zakho. Ukuba ke uchukumisa impumlo okanye umlomo ngesandla, ezi ntsholongwane ziya kungena emzimbeni wakho zikosulele. Le yeyona ndlela iphambili yokusasazeka kweentsholongwane.

Ke imaski inokukunceda ukuthintela usuleleko njengoko unqabile ukuchukumisa umlomo kunye neempumlo xa unxiba.

Ungasibeka njani isigqumabuso

  1. Ngaphambi kokunxiba imaski yobuso, hlamba izandla zakho ngesepha kunye namanzi. Okokuba ngaba azikho, sebenzisa isicocisi sesandla.
  2. Vavanya imaski ukuze uqiniseke ukuba ayinazo iinyembezi okanye imingxunya ebonakalayo enokuthi ingasebenzi.
  3. Fumana ukuba leliphi icala lemaski ngaphambili. Icala elinemibala yemaski lelo icala elijonge kude kuwe.
  4. Fumana ukuba leliphi icala lemaski eliphezulu. Ukuba imaski ine kliphu (elikhuni, isiphelo esigobayo), oku kwenzelwe ukubumba ukumila kwempumlo yakho kwaye ngumphezulu wayo.
  5. Ukuba imaski yakho ineebhendi ezidibeneyo ezikufanele entlokweni yakho, bamba imaski ebusweni bakho ngelixa usolula imitya ngentloko entloko ukuyikhusela.
  6. Ukuba imaski yakho inezinto zendlebe ezijingayo, bamba imaski ngazo uzifake ukujikela ngaphaya kwendlebe.
  7. Ukuba imitya ye maski yakho iyanyenyiswa, yiqinise njengoba kudingeka ukugcina imaski endaweni yayo.
  8. Ukuba imitya ye maski yakho ayinyenyiswa, unako ukuyicutha, ukuba kuyadingeka, ukunceda ukugcina imaski endaweni yayo. Ngokulula jija umtya ngamnye ukwenza isikrobo kwaye faka isikrobo sijikele ngaphaya kwendlebe nganye.
  9. Cutha ikliphu yempumlo. Sebenzisa iincam zeminwe yezandla zakho zombini ukubumba ikliphu yempumlo ibambelele kumbombo wempumlo yakho.
  10. Qaphela: Ukuba unxibe iiglasi, enyenyiswe kakuhle ikliphu yempumlo iyakukunceda ukukhusela iiglasi zakho ukuba zingabina nkungu.

    Ukuzinzisa iiglasi zakho phezu kobuso be maski kuyakuvala umoya ungaphumi kwaye wenze nkungu amehlo eglasi.

  11. Tsala umzantsi we maski kangangoko unako ukugquma umlomo kunye ne silevu.
  12. Qinisekisa ukuba igquma ubuso bakho ukusuka kumbombo wempumlo yakho ukuya phantsi kwe silevu.

    Ayichanekanga
  13. Musa ukunxiba imaski ngaphantsi kwe silevu.
  14. Ayichanekanga
  15. Musa ukunxiba imaski ukuze ishiye isilevu sityhilekile.
  16. Ayichanekanga
  17. Musa ukunxiba imaski kwincam yempumlo yakho.
  18. Ayichanekanga
  19. Musa ukunxiba imaski ngaphantsi kwe mpumlo. Oko kuyayoyisa injongo.
  20. Ayichanekanga
  21. Ukuba ushiya impumlo okanye umlomo uthyilekile, iintsholongwane zingena lula. Kwaye ayisiyiyo kuphela ingozi yokuba usasaze iintsholongwane kwabanye kwaye ubosulele, uyakungcolisa umphambili we maski yakho.
  22. Ichanekile
  23. Nanini na xa unxibe imaski yobuso, qinisekisa impumlo, umlomo kunye ne silevu sakho zigqunywe ngokupheleleyo.
  24. Tshintsha imaski yobuso, ubuncinane, kanye ngemini, okanye xa ifuna ukuba manzi okanye inomhlaba. Ukuba uyayithandabuza imaski, yisuse ngokukhawuleza, yilahle, hlamba izandla ufumane entsha.

Uyisusa kanjani imaski yobuso

Ngokususa imaski kakuhle, unciphisa umngcipheko wokusasazeka kwentsholongwane esikhumbeni sakho. Ukususa imaski yenza oku kulandelayo:

  1. Ngaphambi kokunxiba imaski yobuso, hlamba izandla zakho ngesepha namanzi. Okokuba ngaba azikho ezizinto, sebenzisa isicocisi.
  2. Phepha ukuphatha imaski kulendawo yoqguma ubuso. Phatha nje iibhendi okanye amabhanti ukuyikhusela.
  3. Ukuba imaski yakho inemitya etsalekayo engena entlokweni yakho, phakamisa umtya ongezantsi ngaphaya kwentloko kuqala, bese utsala umntla ngaphaya kwentloko.
  4. Okokuba ngaba imaski yakho inemitya yibambe yomibini uphakamise ukuze uyisuse.
  5. Lahla isigqumabuso emva kwento nganye oyisebenzisayo. Ungaze uyisebenzise kwakhona.
  6. Hlamba izandla zakho kakuhle.
Iigloves ezilahlwayo

Ukunxitywa kweegloves ezisetyenziswa kanye kukhusela ukusasazeka kwentsholongwane nesifo.

Kukho indlela echanekileyo yokubeka igloves ezilahlwayo ukuze zisebenze.

Ungazibeka njani iigloves ezilahlwayo

Khetha isilinganiso esifanelekileyo seglove. Ukungalingani kweglove kwandisa ukulimala okanye usuleleko. Ukuba igloves zinkulu kakhulu, ukungalingani kwento ezenziwe ngayo kunganciphisa ukungabinako nokubambelela.

Zifake igloves ngoluhlobo:

  1. Khulula iwoshi, umsesana nebucwebecwebe esandleni sakho. Oku kunqanda ukukrazuka ngengozi kwigloves.
  2. Hlamba izandla ngamanzi nesephu. Ukuba azikho ezi, sebenzisa isicocisi.
  3. Thatha igloves ngokucofa ngaphakathi nangaphandle kwesihlahla. Lumka uchukumise kancinci ngaphandle kweglove kangangoko kunokwenzeka. Ngenisa ngononophelo esinye isandla sakho kwiglove.
  4. Sukuyihlengahlengisa indawo yegloves kwisandla sakho de ibe enye iglavu ivulekile.

  5. Thatha iigloves zesibini ngokuncamathela ngaphakathi nangaphandle sihlahla ubeke igloves njengasentla.
  6. Jonga ukuqinisekisa ukuba akukho ziqwengana, iinyembezi okanye imingxunya ebonakalayo kwiigloves. Ukuba kukho nantoni na, susa iigloves, hlamba izandla zakho kwaye unxibe iigloves ezintsha.
  7. Tsala igloves nganye kwisandla sakho ukuze ugubungele ulusu kangangoko kunokwenzeka kwaye ukhusele igloves.
  8. Ukuba uchukumisa ubuso bakho, ukuba iigloves zilila okanye ukuba unawo amathandabuzo malunga neigloves ukuba zimdaka okanye zingcolile:
  9. a. Zisuse ngoko nangoko iiglavu kwaye uzilahle.
  10. b. Hlamba izandla zakho kakuhle.
  11. c. Beka iigloves ezintsha.

Uzisusa kanjani iigloves ezilahlwayo

Ukususa igloves ezilahlwayo kakuhle, kunciphisa ingozi yokusasazeka kwentsholongwane okanye isifo. Ukukhulula igloves ezilahlwayo, yenza oku kulandelayo:

  1. Khulula igloves kwindawo ecocekileyo kude nokutya okanye indawo yokutya.
  2. Minxa umphandle wenye iglove esihlahleni.
  3. Xobula uye ezantsi, kude le nesihlahla, ujike umphakathi weglove ngaphandle. Tsala iglove ide isuke esandleni sakho.
  4. Bamba umphakathi nomphandle weglove ngesandla esineglove.
  5. Ngesandla esingenaglove, faka iminwe yakho phantsi kwesihlahla seglove. Musa ukuwuphatha umphandle weglove.
  6. Xobula wehlise, kude nesihlahla sakho, ujike iglove ngaphakathi nangaphandle. Tsala iglove ide isuke esandleni sakho.
  7. Qhubeleka utsale iglove uyise ezantsi, ngapha kweglove yokuqala. Oku kuqinisekisa ukuba igloves ziphendulelekile kwaye izosuleli ntsholongwane azidibani nezandla zakho.
  8. Hlamba izandla zakho kakuhle. Ungaze uphinde uzisebenzise.
  9. Hlamba izandla zakho kakuhle.
Xa uhamba uphinda ubuya kwakho
  1. Ukuba kukho uqhushululu kwindawo yakho, shiya ikhaya lakho kuphela ngeemfuno ezibalulekileyo okanye njengoko kugunyazisiwe yimigaqo yendawo.
  2. Ukuba kufuneka ushiye ikhaya lakho, nxiba isigqumabuso kunye neglove ezilahlwayo.
  3. Hlala umgama ukusuka kwabanye kwiindawo zoluntu.
  4. Phambi kokuba ungene kwakho, yenza okulandelayo:
    • a. Khulula izihlangu zakho kwaye uzishiye ngaphandle, okanye uzitshize ngesibulala-ntsholongwane.
    • b. Susa kwaye ulahle imaski kunye neiglavu ezilahlwayo.
    • c. Ngeglavu entsha, yenza iintsholongwane kwimpahla oyisebenzisileyo xa uphumile—izitshixo, amakhadi okuthenga ngetyala, iwallet, njl.
  5. Lahla iigloves.
  6. Hlamba izandla zakho kakuhle.
Isishwankathelo

Xa unxiba imaski yobuso okanye igloves, sebenzisa ubuchule obukelencwadana ukuzifaka nokuzikhupha. Oku kuzokwenza zibenamandla okukhusela wena ekusasazekeni kweentsholongwane. 



Olu lwazi lunikezwe apha lwenziwe ngenjongo zenkcazelo kuphela kwaye akufanelanga lutolikwe njengoluthatha indawo yengcebiso lwezonyango. Rhoqo funa ingcebiso kagqirha wakho okanye abanye abanelungelo lokunikezela ngenkozo zempilo malunga nemibuzo onayo.


Izixhobo ezongezelelweyo

Khuphela futhi printa ezimpawu wenzele ikhaya lakho kwaye/okanye isidingo seshishini.

Ukugcina umgama

Indlela esebenzayo ukukhusela ukunwenwa kwesigulo kunye nokwasuleleka kukwenza uqelelwano phakathi kokuhlala.

Unxibelelwano lwesiqu sakho

Ukwenzela impilo kunye nokhuseleko lomntu wonke, nceda uyeke ukubambana nabanye.

Inkqubo yokuhlamba-izandla

Ukuhlamba izandla yenye yeendlela zokunqanda ukusasazeka kweentsholongwane.

Isicoci Zandla

Zisetyenziswa phezu koku hlambha kwezandla nge sepha okanye xakunga fumaneki isepha namanzi.