UNOBANGELA WOXINZELELO

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Kutheni umntu oqhuba kakuhle ebomini enokuthi ngequbuliso enze kakubi okanye aqale ukusilela.
  • Iimpawu ezilishumi elinambini eziya kukunceda ukhethe abahlobo kunye nezihlobo ngokufanelekileyo.
  • Izixhobo ongazisebenzisa ukunceda ukunciphisa umthwalo woxinzelelo komnye, ukuze baphile kakuhle kwaye bonwabe kwakhona.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

Kutheni abanye abantu begula rhoqo kunabanye? Kutheni abanye besemngciphekweni wengozi? Kwaye ngaba sikhona isizathu sokuba abanye baphile ubomi babo kumjelo weemvakalelo, beqhuba kakuhle ngenye imini kwaye kakubi elandelayo?

Kukho inkcazo, kwaye ayinanto yakwenza noothixo, ikamva okanye indawo yeenkwenkwezi. Ngapha koko, esona sizathu sokwenza ezi zinto — kunye nokusonjululwa kwazo — sichaziwe kwi Scientology.

U L. Ron Hubbard ukwazile ukubona ngobunzima bokuziphatha komntu kwaye wafumanisa izinto ezingunobangela ochaza isenzeko se ingcinezelo ebantwini—kuba kukucinezelwa ngabanye okubangela ezi ziganeko zibonakala ngathi ziyingozi. Kwizicatshulwa ezivela kwimibhalo yakhe kule khosi, uya kufumanisa ukuba ubajonga njani abantu abakunqwenelela ukugula kunye nabo kufuneka babe ngabahlobo bakho. Uya kufumanisa ukuba kutheni abanye abantu besenza kakubi ebomini kunye nendlela onokubanceda ngayo ukuba baphinde babe sempilweni. Uya kufunda ngoomatshini emva kwale meko iyonakalisayo kodwa eqhelekileyo kunye neendlela zokulwa nayo. Yidatha enokuthi ibutshintshe ubomi bakho ngokubonakalayo nangoko nangoko, nanjengoko itshintshe ubomi babanye.

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 8 ukuya kwezi 10. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: Unobangela woXinzelelo
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi Unobangela woXinzeleloUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“Kule khosi, ndifumene ulwazi lwe-datha olubaluleke kakhulu malunga nokwenza izigqibo malunga nokuba ndisebenza nabani na, ngoobani ekufuneka ukuba ngabahlobo bam kwaye okona kubaluleke kakhulu yindlela yokuphatha abo bazama ukucinezela abanye.

“Ndiyibonile indlela intlekele embi ebomini bomntu enokuphuculwa ngayo ngolu lwazi. Emveni kokuba ndenze inkqubo yokunceda esuka kwincwadana ndincedise udade wethu, ndabona ubomi bakhe butshintsha ngokukhawuleza. Iyamangalisa! Ndiyabulela supervisor yekhosi naku L. Ron Hubbard.”

M.P.


“Xa bendiqala le khosi, bendingazi nto kwaphela malunga noxinzelelo, oonobangela balo, okanye imithombo yabo. Ndandimangalisiwe ukuba yonke le nto yenza ingqiqo ngokupheleleyo kumi phantse ngophanyazo!

“Ndifunde incwadana yoNobangela woXinzelelo ngononophelo. Xa sele ndigqibile, ndiye ndakwazi ukubona unobangela woxinzelelo ebomini bami kalula. Ndizibonile iinzuzo kwiintsuku nje ezimbalwa, kwaneeyure! Akhange ndizive ndisindwa emva koko okanye ndibanjiwe. Ndaziva ndibangcono emzimbeni kunye nase ngqondweni, ndaziva ukuba ndifunde into eya kuba luncedo olukhulu kumi ubomi bami bonke.

“Kodwa andiphelelanga apho. Le khosi ayindincedanga nje ukuba ndizincede, kodwa indincede ukuba ndincede nabanye. Ukuze ndigqibe iziqwenga zomsebenzi wesakhono sokwenza endizinikiwe, kuye kwafuneka ndifunde abanye abantu kwindawo endingqongileyo, ukuchonga iintlobo ezahlukeneyo zobuntu kunye nezenzo zokucinezelwa.

“Nangona kunjalo, kunokuba bayiyeke iqhubeke, ndiyakwazi ukubanceda bayiphelise okanye basuke kuyo, okanye baqhubeke. Oku kwakuyinyani esulungekile ngokukodwa kwimeko yomhlobo wami owayecinezelwe iminyaka emininzi. Wayesoloko eziva egula kwaye engonwabanga. Ubesoloko egula rhoqo ngeengulo zokudakumba kwaye enengxaki yengqele nomkhuhlane rhoqo. Ekufumaniseni ukuba wayecinezelwa, waqala ukuqonda ngoko waye waziva engcono phantse kwangoko. Uye waba ngcono njengoko ixesha belihamba! Wayengakholelwa tu, yayingumangaliso!

“Ulwazi endilufumeneyo kule khosi alufani nolunye uhlobo. Ndilusebenzisile ukuba mna ndizuze nabanye, ngeendlela ezininzi ezohlukaneyo. Ubomi bami buphucukile okungenani amahlandlo alishumi! Ndiziva kamnandi. Ndiva ingathi ndingakwazi ukufezekisa nantoni na, kuba akukho mntu unokundinqanda okanye azame ukundixelela ngenye indlela! Kwaye ndiyakwazi ukunceda abahlobo bam kunye nosapho lwam ukuba nabo bazive njengam!”

M.S.