UNXIBELELWANO

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Indlela yokunxibelelana nomnye ukuze bamamele kwaye baqonde into oyithethayo.
  • Eyona fomyula yonxibelelwano oluphumeleleyo— kunye nendlela onokuthi uphucule ngayo ukubanako kwakho ukunxibelelana naye nabani na.
  • Izixhobo onokuzisebenzisa ukulungisa nakuphi na ukusilela kunxibelelwano onalo nomnye.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

U L Ron asHubbard wabhala wathi: "Indoda iphila ngokokude ikwazi ukunxibelelana." Unxibelelwano yinxalenye yobomi athe wayiphonononga ngokunzulu, ekugqibeleni wabhala amakhulu amawaka amagama malunga nesi sihloko sibalulekileyo. Izakhono zonxibelelwano zibalulekile ku nakweyiphi inqanaba lonxibelelwano lomntu. Ngapha koko, xa konke kuthethwe kwaye kwenziwe, nakweliphi inqanaba, unxibelelwano luyinto enye ...

Izibonelelo zonxibelelwano olusebenzayo zininzi kakhulu ukuba zingadweliswa, kuba zonyusa zonke iinkalo zobomi ukusuka kubuntu buye kwiingcali. Ukubanakho ukunxibelelana kubalulekile kwimpumelelo yayo nayiphi na indibano.

Kule khosi uya kufunda ukuba luhlobo luni lonxibelelwano oluhle kwaye ungaziqonda njani izinto ezimbi, zeziphi izinto eziyinxalenye yonxibelelwano kunye nendlela yokuzisebenzisa, kwaye kutheni unxibelelwano olungakumbi, hayi ngaphantsi, lusizisa inkululeko enkulu kumntu ngamnye.

Kwakhona okubandakanyiweyo kule khosi kukuzibhola okuninzi okwenziwe nguMnu Hubbard okuphucula amanqanaba onxibelelwano kunye nesicelo esisebenzayo ebomini. Ukuyiqonda kakuhle le data kuya kukunika izixhobo onokuzisebenzisa ngonaphakade.

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 12 ukuya kwezi 15. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: UnXibelelwano
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi UnxibelelwanoUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“Sonke siyabandakanyeka kuhlobo oluthile lonxibelelwano lwemihla-ngemihla yobomi bethu, kodwa eyona ntsingiselo yonxibelelwano yile ndiyifundileyo kwi-khosi ye-Intanethi evela kubaPhathiswa bamaVolontiya. Ngokwenkcazo, bendisazi ukuba unxibelelwano luthetha ukudityaniswa kwezimvo kunye nolwazi nabanye abantu qha kwaye ukuze unxibelelwano lwenzeke, kufuneka luvele kumntu kwaye ludluliselwe komnye ozakulwamkela kwaye alivume.

“Emva kokugqiba le khosi, ndifunde eyona njongo nokubaluleka konxibelelwano. Andifundanga kunxibelelana nje kuphela, kodwa nendlela yokuba ndaziwe ngokusebenzisa iindlela zonxibelelwano ezifanelekileyo. Ndifunde kwakhona nemijikelezo yendlela enye kunye neendlela yonxibelelwano ngaphakathi two-way.

“Ngokuqinisekileyo le khosi indincede ekuphuculeni ukusebenza kwami ngokufanelekileyo. Ndingunobhala kwicandelo lezempilo kwaye unxibelelwano ngomnye wemisebenzi yam ophambili. Ngokwenene ibeyinzuzo enkulu kwaye yangamava amnandi ukugqibezela le khosi. Ndiyabulela kuni, baPhathiswa bamaVolontiya, ngokubonelela ngeli thuba libalaseleyo.”

K.K.


“Le ncwadana ibengumdla kakhulu ngengcinga yokuba umntu angacinga ukuba 'ndinxibelelana ngenye indlela okanye ngandlela ithile mihla le, yintoni enye onokuyifunda?' Unxibelelwano lubalulekile, kwaye le ncwadana indifundise ngokuchanekileyo indlela yokunxibelelana ngokufanelekileyo. Yintoni esebenzayo ngakumbi kunokuba uthethe le nto uyithethayo, kwaye uqondwe ngabanye abantu?

“Indifundise indlela yokukhangela imiqondiso kwabanye abantu abathi abaqondi, kunye nendlela yokunxibelelana ngokufanelekileyo ukuze baqonde. Kungumdla omkhulu ukuba le ncwadi ibonisa iintlobo ezohlukaneyo zonxibelelwano kwaye ikufundisa nokuba ungaziphucula njani ezakho kwaye ikunike nolwazi ngazo. Uninzi lwabantu lucinga ukuba xa bethetha, bayanxibelelana, kodwa ininzi into ekulomba!”

A.F.