UKUJOLISA KUNYE II GOALS

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Kutheni abantu ngamanye amaxesha besebenza nzima ukufikelela kwinjongo kodwa bangaqhubeki befikelela.
  • Yintoni ekufuneka uyenzile, inyathelo ngenyathelo, ukwenza ukuba izicwangciso zakho zibe yinyani.
  • Ezona zixhobo zichanekileyo ekufuneka uzisete kwaye uziphumeze iinjongo zakho kuwo nawuphi na umsebenzi.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

Umntu uzenza njani izinto? Umntu wenza njani ukuba iphupha libe yinyani okanye aqhubeke nesicwangciso ade asigqibe? Uninzi lwethu lubonakala ngathi luneenjongo ezingafezekisekanga okanye izicwangciso ezingagqitywanga kwaye uninzi lwethu lujamelana nemisebenzi ebonakala ngathi inzima, kwaye ayinakwenzeka ukuyiphumeza. Oku kuyinyani ayisiyiyo eyabantu bodwa, kodwa neenkampani kunye namazwe. Imbali izaliswe ziiprojekthi ezingaphumelelanga.

Ekuvavanyeni umxholo wombutho, u L. Ron Hubbard uphuhlise umzimba omkhulu wobuchwephesha ukuqinisekisa impumelelo yalo naliphi na iqela. Ngokwenza njalo, wabonelela ngesisombululo kolona hlobo lusilelayo: ukunqongophala kokubanako ukuphumeza izicwangciso.

Kule khosi, uya kufumanisa ukuba ungafikelela njani kuyo nayiphi na injongo, enkulu okanye encinci. Izicwangciso zinokuthi ziqhutyelwe kwiziqhamo, kodwa kufuneka kuthathwe amanyathelo aliqela, elinye emva kwelinye. Uya kufunda ukuba ngawaphi la manyathelo kwaye ungawasebenzisa njani ukufezekisa iinjongo zakho, zosapho lwakho, ekuhlaleni, kwishishini nokunye okuninzi. Uya kufunda ukuba amaphupha akho abe-,yinyani.

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 5. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: Ukujolisa kunye ii Goals
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi Ukujolisa kunye ii GoalsUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“Njengomntu onamabhongo nesiphiwo ndisoloko ndinamacebo ngeendlela endinokubuphucula ngayo ubomi bami okanye ubomi babantu abandingqongileyo, usapho lwami kunye nabahlobo bami. Nangona kunjalo, lomacebo ehleli evela aphinde agqithe ngaphandle kokuba afezekise iziqhamo zawo. Mihla le ndijamelana nemiceli mngeni emitsha ebomini kude kube ngoku ndikufumanise kulula ukulibazisa okanye ukuyeka izicwangciso kuba ndivumela izithintelo zivimbe indlela yami.

"Ekujoliswe kuko kunye ii Goals zindifundise ukubaluleka kokuba nesicwangciso sedabi kunye nesicwangciso seqhinga ukwenzela ukuthi xa iingxaki zivela umntu akwazi ukujongana nengxaki kwaye aqhubeke esiya kufikelela kwi-objekthivi yakhe, okanye alungise kwaye aphinde avavanye kwakhona ukwenzela ukuba ingxaki ibe ncinane ngokunxulumene nenjongo yakho yokupheleliswa.

“Itekhnoloji enyanisweni indinike umbono ohluke ngokupheleleyo ekucwangciseni yaye indenze ndabona ukuba bendinombono oyintelekelelo kwaye ongeyonyani ngendlela yokufikelela emphumelelweni. Ndacinga okokuba ngenye imini iyakuphumelela kwaye iyakuba yiyo. Ngoku, ngelixa ndiqonda okokuba loo nto iya kuthatha ukusebenza kanzima kunye nokuzimisela ukufikelela kwiphumelelo kwaye ndiziva ndiqinisekile ukuba le teknoloji indinike inkqubo yenkxaso endinokuhlala ndibhekisa kuyo.

“Njengakwikhosi ethiiTeknoloji yeMfundo , sele ndinobungqina bokuba imangalisa njani le teknoloji. Igoal endizibekele yona njengenye yezakhono zokwenza yinto ebendihleli ndicinga ukuyenza kangangeenyanga, kodwa khange ndenze mzamo wokuqalisa ndenze into ngayo lonto. Ngoku, andina qhinga nje kuphela ukugqibezela le projekthi, kodwa ndineenkcukacha zoko ekujoliswe kuko endinokuzisebenzisa ukuze ndifezekise umbono wami. Ngoku ndijonge kwikamva ndilinde imiceli mingeni ukuba ivele ngolwazi lokuba ezi azizukubambi kodwa ngamathuba okusebenzisa iqhinga elilungileyo kunye nesicwangciso ukuze ndifikelele kwimpumelelo!”

G.C.


“Ndiyigqibile iKhosi ethi Ekujoliswe kuko kunye neeGoals eziswa yi Scientology yaBaphathiswa bamaVolontiya. Emva kokufunda incwadi ekwi-intanethi kwaye ndigqibe nezakhono zokwenza, ndisebenzise izixhobo kwishishini lami.

“Kwisithuba seeveki ezimbalwa ndisebenzise izixhobo, ndilunyuse kakhulu inani labantu ukusuka kwi-1-2 ngeveki ukuya kwi-6-8 ngeveki, kwaye ndinabaxumi abatsha endisebenza nabo. Ikhosi iluncedo kuba iizakhono zokwenza zikufundisa okokuba uzisebenzisa njani izixhobo. Ingaphezulu kwe-thiyori. Uksebenzisa izixhobo kukwenza ugxile kwigoal ekujoliswe kuyo kakhulu. Yonke imisebenzi engayixhasiyo igoal iyasuswa, kwaye imisebenzi yokumgangatho ophezulu ekhokelela kwinjongo iyasetyenziswa.

“Ndiye ndayonwabela kakhulu le khosi kwaye ndihamba nencwadi yami ethi Ekujoliswe kuko kunye neeGoals ukwenzela ukuba ndikwazi ukusebenzisa ezizixhobo imihla ngemihla. Ndiqinisekile okokuba ishishini lami liza kuphumelela. Ndibona imiqondiso yalo ngoku.”

M.H.