UPHANDO

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Ukuchonga ukuba yintoni ebangela ukuba into ibe sengqiqweni okanye ingaqondakali.
  • Uhlalutya njani ulwazi ukuze wazi ukuba kufuneka wenze ntoni ukulungisa imeko.
  • Izakhono ozidingayo zokuchonga ezona zizathu zibangela ukuba uphumelele okanye usilele nakweyiphi na inkalo yobomi.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

Uninzi lwabantu ludlula ebomini ngendlela engacacanga, bephosa malunga nezimvo zokuchaza ukuba kutheni iiprojekthi zabo ziphucula okanye zisala, kutheni bephumelele okanye kutheni bengaphumeleli. Ukuqikelela kunye "nokuzingela," nangona kunjalo, azithembekanga kakhulu. Ngaphandle kolwazi lokuba ungaziphanda njani iimeko, ezilungileyo okanye ezimbi, kwaye ufumane iinyani eziyinyani, umntu umiselwe ukurhubuluza kulwandle lwe data engavavanywanga.

Uphando oluchanekileyo, enyanisweni, yinto enqabileyo. Isiqhelo somntu kwimicimbi angayiqondiyo kukwamkela inkcazo yokuqala eyenziwe, nokuba iphosakele kangakanani. Yiyo loo nto itekhnoloji yophando ingakhange yenziwe okanye icokiswe. Nangona kunjalo, u L.  Ron Hubbard wenze impumelelo kwisifundo sokuqiqa kunye nokuqiqa esikhokelele kuphuhliso lwendlela yokuqala yokwenyani yokukhangela kwaye ngokungaguqukiyo afumanise oyena nobangela wezinto.

Ukwazi ukuba ungaphanda njani kunika umntu amandla okuhamba kwiinyani ezingacacanga kunye nezimvo kwaye avele ngezona zokwenene izizathu zokuphumelela okanye ukusilela kuwo nawuphi na umba wobomi. Ngokufumanisa ngokwenyani ukuba kutheni izinto zinje, umntu unakho ukulungisa nokuphucula imeko-kuyo nayiphi na imeko. Le yitekhnoloji exabisekileyo ebantwini kuzo zonke iinkalo zobomi

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 8 ukuya kwezi 10. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: Uphando
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi UphandoUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“Ndifunde okokuba ndiyisebenzisa njani indlela le yokwenza ezizinto ukuze kufumaneke iimpendulo kwiingxaki eziqhelekileyo kunye nemiba le ebe ndiqhele ukuyifumana inzima ukuba ndiyisombulule.

“iKhosi Uphando indinike imbono ehlukileyo ngokubhekisele kwindlela yokujonga nokuyi bhencabhenca ingxaki. Indibonisile indlela yokugxilisa umbono kumba ochaphazelekayo kunye nokufumana izisombululo ezisebenzayo kwiingxaki.

“Ngokuqinisekileyo iyakundinceda ekukhuleni okuqhubekayo njenge Scientologist indincedise nakwishishini lam imihla ngemihla nasebomi bam. Iza kundinika iimbono ezohlukileyo ekusombululeni iingxaki ebomini. Ndiyabulela kwakhona.”

H.S.


“Kule khosi, ndifunde indlela yokubuza ngendawo enezinto ezingachanekanga, ukuze ndiphembelele ndiqhubeke ukubuza imibuzo ngeendawo ezingekho ngqiqweni kude kufinyelele apho idatha iveliswa ngokucacileyo kwaye imeko ingaphathwa yaye ilungiswe kakuhle. Ndifunde ngazo zonke ii outpoints ezingabakhona kwimeko enokuba kho kwaye ndaziqhelanisa ukuzenza nokuthi ndizifumane ndade ndagqwesa kuzo. Ndikwenzile oku nangeengongoma ezintle, ukwenzela ndikwazi ukuziqonda kwaye ndomeleze ulwazi lami kuzo.

“Kwaye ndifunde nokubaluleka kokuba ndibe indawo elungileyo ukuze ndikwazi ukuyithelekisa nemeko yangoku. Ndifunde ngezenzo zophando ezifunekayo ukufumana idatha kwaye ndikwazi ukulungisa izinto ngokwenza uphando oluchanekileyo olunocwangco oluchanekileyo de ndifumane uWHY ongemva kwemeko leyo ukwenzela ukuba ikwazi ukusetyenzwa.”

C.F.


“Yonke into inesizathu sayo. Kwaye i Scientology indiphe ubunakho bokufunda ukuba zeziphi ezozizathu nokuba ndizilawule. Isakhono sophando—ubunakho bokucinga ngongqiqo nokufinyelela kwingcambu yezinto-indivumela ndikwazi ukujonga ngaphakathi, ndihendile, kwaye ndiphucule nayiphi na imeko nakweyiphi na indawo ebomini bam. Ndikwazile ukuchonga ii outpoints kwindawo endingqongileyo endisebenzela kuyo, kwaye ndizisombulule ukwenzela ukuba ishishini lam libe lelona shishini liveleleyo. Kunqabile ukuba usuku ludlule ndingayisebenzisanga itekhnoloji ka-Mnu. Hubbard ukuphucula ubomi bami ngandlela ithile.”

S.R.