IZISEKO ZOBUDLELWANE BOLUNTU

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Buyintoni uBudlelwane boluntu kwaye ungabusebenzisa njani ngempumelelo ukufumana inkxaso oyifunayo kwabanye.
  • Ungaluchaza njani uluntu lwakho ngokukuko kwaye ubafikelele ngomyalezo abaza kuwuphendula.
  • Izixhobo ezininzi ezixabisekileyo onokuzisebenzisa ukwenza imisebenzi yakho emihle yaziwe kwaye yamkelwe kakuhle.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

Ubudlelwane boluntu lubonelela ngeendlela zonxibelelwano ngezimvo zakho kwaye uzenze zamkelwe—isakhono esifanelekileyo xa ujongene nemibono emitsha. Yindlela yokufumana inkxaso kwiiprojekthi kunye nemizamo.

Cinga ngokubanzi njengendlela yokufumana ukwazisa, ubudlelwane boluntu ngaphambili bebuphantsi kwemida ebukhali. Esi yayisisenzo esasilela kwizinto ezithile eziphambili. Ngoku, ngenxa yezinye izinto ezibalulekileyo ezifunyanisiweyo kwi Scientology, inkqubela phambili yenze ukuba wonke umsebenzi ube luncedo kwaye usebenze.

Ukucokiswa kuka L .Ron Hubbard kunxibelelwano loluntu akwenzi nje ukuba kubalulekile kulo naliphi na iqela kunye naye nawuphi na umntu, kodwa kususa umda obekade unawo. Nangona itekhnoloji epheleleyo ibanzi, imigaqo esisiseko egutyungelwe apha iya kuba nexabiso elikhulu kuye nakubani na oneenjongo ezifanelekileyo.

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 5 ukuya kwezi 6. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: Iziseko zoBudlelwane boLuntu
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi Iziseko zoBudlelwane boLuntuUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“Ndiziva ndisikelelekile ngoqeqesho endilufumene ngokusebenzisa le ncwadi kubudlelwane bonxibelelwano noluntu. Ndiyakwazi ukunxibelelana njengentshatsheli kwimiba yezobugcisa.

“Isityhilelo (njengoko ndiza kusibiza) kumthetho wedatha eshiyekileyo siyinyani kum. Bendihlala ndineengxaki zokuvana nabahlobo bam. Babonakala bengazi nto ingako, ngakumbi ngendlela endiziphethe ngayo. Ngamafutshane, akhange ke bayazi inyani ngam.

“Emva koko kwavela ithuba ndonyulwa njengommeli weklasi kwikholeji kutshanje. Khawufane ucinge ukuba kumnyombo weziko elibandakanyeka ngokusombulula imiba yabafundi ngokuchasene nolawulo.

“Emva koko kukho isixhobo sobudlelwano, ubunyani kunye nonxibelelwano. Esi sisixhobo sonxibelelwano esigqwesileyo. Ndizamile ekuncedeni amalunga abafundi ukuba banyanzelise ngoko bakufunayo kulawulo. Ukuba ndibe lelona khonco phakathi kwabafundi nabaphathi bolawulo, ndibazisile ekuqondeni ngokusebenzisa umanyano, ubunyani kunye nonxibelelwano.

“Ndiziva ndibalulekile, kwaye ukungabikho kwami okuncinci kuyavakala. Le kumi yimpumelelo.”

L.K.


“Le khosi indibonise indlela elungileyo yokuphila nabantu kunye nendlela yokuba izimvo zami zimanyelwe.

“Amanyathelo okukwenza oku ayasebenza, kwaye ndiyayithanda indlela entle ehleli isemazantsi enceda ukuba izimvo ziviwe. Ngenxa yoko akukho mntu uziva enyathelwe ngentla- wonke umntu uziva eviwe kwaye nezimvo izezona zilungileyo.

“Kwakhona, ujongana njani namarhe nokuhleba okubi le yindlela entle ekubonisa okokuba uyisombulula njani yonke lento. Ndiziva 'ndikwimo entle kakhulu' yokujongana namarhe emva kwale khosi, kwaye bendiyifuna nyani lento, ndifumane amandla endaweni yokuba ndirhoxe.”

M.D.