ISIKALI SETONE YEMVAKALELO

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Ubungakanani beemvakalelo wonke umntu anazo ebomini, ukusuka kwelona liphezulu ukuya kwelisezantsi.
  • Ungayichaza njani ngokuchanekileyo indlela yokuziphatha yomntu oza kuba liqabane, iqabane loshishino, umqeshwa okanye umhlobo—ngaphambi kokuba uzibophelele kubudlelwane.
  • Izixhobo ezilula onokuzisebenzisa ukuphakamisa eyakho okanye eyomnye imeko yeemvakalelo.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

Kukangaphi usiva umntu esithi, "Andimqondi"? Ngamanye amaxesha izenzo ezingenangqondo, ezingalindelekanga zibonakala ziqhelekile phakathi kwabanye abantu.

Inyani yile, akuzange kubekho ndlela isebenzayo yokuqikelela indlela yokuziphatha kwabantu-kude kube ngoku.

U L. Ron Hubbard uphuhlise le ndlela, kwaye iyasebenza kubo bonke abantu, ngaphandle kokukhetha.

Ngale data, ungayichaza njani ngokuchanekileyo indlela aza kuziphatha ngayo umntu oza kutshata naye, iqabane lakho kwishishini, umqeshwa okanye umhlobo-ngaphambi kokuba uzibophelele kubudlelwane. Umngcipheko obandakanyeka kunxibelelwano lomntu unokuthintelwa ngokupheleleyo okanye uncitshiswe xa kunokuxelwa kwangaphambili ukuba abantu baya kuba njani.

Ngokuqonda nokusebenzisa ulwazi olukule khosi, yonke imiba yobudlelwane boluntu iya kuba nemveliso ngakumbi kwaye yanelise. Uyakwazi ukuba ngubani oza kudibana naye, ngubani omele ukumthintela, kwaye uya kuba nakho ukunceda abo baxakekileyo kwiimeko ezingathandekiyo nabanye. Khawufane ucinge ngokwazi, emva kwexesha elifutshane kakhulu, ukuba abantu baya kuziphatha njani nakweyiphi na imeko. Unako. Ngalo lonke-, ixesha.

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 6 ukuya kwezi 8. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: Isikali seTone Yemvakalelo
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi Isikali seTone YemvakaleloUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“Okoko ndaziqhelanisa nencwadana Isikali seTone Yeemvakalelo, ndiqalise ukuhlala nabantu ngendlela elungileyo. Ukususela ekufundeni ukuya ekusebenziseni le teknoloji, ndifumene izibonelelo ezinkulu kwaye kwi-khosi yokusebenzisa izakhono zokwenza ndivuyiswe kakhulu kukunxibelelana nabantu abaninzi.

“Usebenzisa isiKali seTone kunye nolwazi lokuba isetyenziswa njani, ndiphinde ndayijonga imiba yobomi kwaye ndatshintsha ubudlelwane bami nabantu. Abamelwane kunye nabathengisi ezivenkileni bayekile ukundicaphukisa. Ekwenzeni izakhono zokwenza, bekumnandi ukubona uncumo oluhle kunye nokweneliseka kwabantu.

“Ngolu lwazi nezi zakhono zokunyusa tone yeemvakalelo zabanye—konke kunokwenzeka! Ubomi bubanomdla ngakumbi, kwaye buyanwabisa kakhulu.”

N.M.


“IsiKali seTone yeeMvakalelo sibe sisixhobo endincede ukuba ndikwazi ukuvavanya iimeko zabanye abantu nendlela abaza kusabela ngayo kumagqabaza athile. Oku kukodwa kubonelela ngesixa esikhulu solwazi indlela umntu aza kusabela ngayo.

“Ngokuhlwa nje bendisebenzisa le teknoloji ndivavanya abahlobo bami. Bebekhalaza kwaye bezisa amanqaku amabi malunga nomnye umhlobo, kwaye ndiye ndabaqwalasela xa oku kubathoba kwinqanaba lesikali setone esingalunganga. Nobakunjalo, izixhobo endizinikiweyo kwiKhosi yeSkali seTone yeeMvakalelo indincede ukuba ndikubone kwangoko oku, kwaye ndisabele ngokukhawuleza ngokubabandakanya ngetoni ephezulu, ukubabuyisela ngempumelelo kwinqanaba leskali setone yeemvakalelo eliphezulu.

"Ngokwesiqhelo bendiya kuyibeka phantsi le nto kulo mbandela ukuba ube mbi, kodwa ngoku ndiyaziqonda iimpembelelo zezimvo kunye nenyaniso yokuba amagqabantshintshi abonisa umbono-owawungeyonto intle okanye ilungileyo-inceda ukwehlisa aba bantu isikali setone yeemvakalelo.

“Azange ngaphambilini ndafumana isixhobo esisebenza ngokungaguquguqukiyo ekubeni sikwazi ukuphakamisa imo yomntu. Ngokuhlwanje, xa omnye endisebenza naye ebenomsindo kakhulu njengoko inkosikazi yakhe ibimnika usizi, ndikwazile ukumphakamisa kwisikali setone, kwaye ndaqaphela ukuba naye wayonwabile malunga nomfazi wakhe, encedisa ukumphakamisa kwiskali setone.

“Esi sixhobo sesinye sezakhono endizifumeneyo, endingazi ukuba ndiphile njani ngaphandle kwaso.”

C.H.