UKUZIPHATHA KUNYE NEE MEKO

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Imithetho ethi, ukuba ilandelwa ngokuthe ngqo, inokuzisa ikamva eliqaqambileyo nelonwabisayo.
  • Zithini iinkcukacha-manani kwaye uzisebenzisa njani ukulinganisa impilo yawo nawuphi na umsebenzi kunye nokuqikelela okuza kwenzeka kwikamva.
  • Amanyathelo achanekileyo onokuwasebenzisa ukuphucula ngokukhawuleza nayiphi na imeko yobuqu okanye yobungcali ozifumana ukuyo.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

Kudala umntu efumanisa ukuba imigaqo yokuziphatha iyinto ebhidisayo. Kumashumi eminyaka akutshanje kuye kwaba njalo. Umntu uyazi njani ukuba le nto ayenzayo ilungile okanye ayilunganga? Xa ebona amadoda anganyanisekanga ephethe amandla, izaphuli-mthetho zikhululekile kwaye amaxabiso emveli abekelwa bucala, mhlawumbi uziva kufanelekile ukuba athathe indlela elula. "Abanye bayakhohlisa kwiirhafu zabo, kutheni ndingafanele mna?" "Abanye abantwana beba ezivenkileni, yintoni ingozi?" Kodwa, ngaphandle kwayo nayiphi na enye into, umntu kufuneka aphile kunye naye. Ngeengcinezelo ezininzi ezityhala zize zitsale emntwini, angaqiniseka njani ukuba ukhetho alulungele yena, usapho lwakhe nayo yonke imiba yobomi bakhe kunye nekamva lakhe?

U L. Ron Hubbard ufumene impumelelo enkulu kwicandelo leenqobo ezisesikweni ezingabandakanyi ukwenziwa lula nokwenziwa kweekhowudi kuphela, kodwa nokuphuhliswa kwetekhnoloji esebenzayo enokusetyenziswa kubomi bethu bemihla ngemihla, enye ezisa ukonyuka kokonwaba, ukuchuma kunye nokusinda .

Ezi zinto zisisiseko, zithathwe kuMzimba kaMnu Hubbard womsebenzi, azibonisi yonke itekhnoloji yeenqobo ezisesikweni ekhoyo kwi Scientology. Nangona kunjalo, zibonelela ngendlela ethe ngqo yokuba umntu anyuse umgangatho wokuziphatha, andise amathuba okusinda kuyo nayiphi na indawo yobomi kwaye ancede abanye benze okufanayo. Kungoko itekhnoloji yeenqobo ezisesikweni sisixhobo esiphambili ekufuneka usenzile ukuze uphumelele kuyo yonke imiba yobukho.

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 8 ukuya kwezi 10. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: Ukuziphatha kunye nee Meko
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi Ukuziphatha kunye nee MekoUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“Inzululwazi zemigaqo yesimilo kunye nobulungisa kudala zihleli kundoqo wobuntu. Singabantu nje njengoko sifana nenkqubo yezobulungisa, kwaye njengoko siphathana. Kwikhosi yabaPhathiswa bamaVolontiya be Scientology ethi Ukuziphatha kunye nee Meko, u L. Ron Hubbard ukhuphe izixhobo ezibanzi zokuphila ubomi bethu ngazo.

“Ngokufundisa abantu indlela yokuqonda ngqo iimeko zokuphila, neendlela zokwenza iifomyula kunye namanyathelo kule miqathango, bangazifumana bephucukile kakhulu, kwaye nomgangatho wokuphucuka kobomi awumi.

“Ngenxa yokulandela la manyathelo, Ndizifumene ndixakekile ebomini—ne miba eminzi endithe ndayiphucula—kwaye owona mba mkhulu ngoku kukuqinisekisa ukuba ndilungelelanise kuyo yonke into ebomi bam.

“Azange ngaphambili ndibuphile ubomi obundishiye ndingumntu owonwabile. Ndibe kwanomzuzu 'wokuqonda' malunga nokuba kutheni abantu abangenaso isimilo bahlale bephila kumgangatho ophantsi wokuphila. Impumelelo le ngokwayo indibonisa okokuba kutheni uninzi lwabahlobo bam bakudala bezifumana bebambekile kwimo ephinda phindayo engumjikezo.

“Izakhono kule khosi kufuneka zifundwe mngumntu wonke, kwaye impilo yabo iyakuba ngumcimbi ohlukileyo.”

C.H.


“Ndifumene iimpumelelo ezinkulu ekufundeni le khosi yabaPhathiswa bamaVolontiya. Ngokulandela izikhokelo ndibuyisele ubalo lwam lwezezimali kwicala elifanelekileyo. Ngaphambi kokuba ndigqibe lekhosi bendikwityala lekhadi etyalisa ngemali indime emnqaleni ndiyityala, kwaye ke ngemva nje kwenyanga ndigqibe lekhosi ndiye ndakwazi ukubhatala ngaphezulu kwe-90% yayo!

“Bekufuneka ndiphumile wimeko emile, kwaye ndiye ndaqinisekisa ukuba ndiyayilandela ifomyula yeziphumo zemeko yobutyebi xa imali ithe yangena.”

S.M.


“Ngaphambi kwale khosi, bendingayazi imeko yam kwaye ndingazazi nee meko zabanye, endisebenza nabo. Ndigqithe kwiingxaki ezininzi kwimisebenzi endikhe ndayenza ngenxa yokuba olu lwazi bendiliswele. Ngamanye amaxesha senza izinto eziphosakeleyo ngexesha elifanelekileyo ze senze izinto ezilungileyo ngexesha elingalunganga.

“Le khosi indibonelele ngendlela elungileyo endiza kusebenza ngayo — nokuba mandenze ntoni ngeli ixesha nokuba mandingenzi ntoni ngeliphi ixesha. Indinike ubuchule bokuba ndikwazi ukubona iingxaki emva koko ndizilungise ndisebenzisa indlela yesayensi. Le khosi indenze ndakwazi ukuzibona ezami iimpazamo kunye nezabanye abantu emsebenzini. Okokuba bendingazange ndayenza le khosi, ndingatsho ngokuqinisekileyo ukuba ngeba ndingayiqondanga imfihlakalo yeli nqanaba lobomi.

“Ekugqibeleni mandongeze, iyasebenza ngokwenene ukuba isetyenziswa ngokuchanekileyo. Ngoku ndinokuqonda ngakumbi ngendawo endingqongileyo endisebenzela kuyo kwaye ndiyakwazi nokunceda abanye.

“Ndiyabulela supervisor yekhosi ngoncedo kunye nemiyalelo efanelekileyo, naku L. Ron Hubbard.”

A.M.