UMTSHATO

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Yintoni ebangela ukuba ababini abatshatileyo bakhule ngokwahlukeneyo kwaye lonto ingunobangela wokusilela kwemitshato emininzi.
  • Iindlela zokukunceda ubone ukuba umntu ulungile kuwe-ngaphambi kokuba uqale ubudlelwane okanye umtshato.
  • Izixhobo onokuthi uzisebenzise ekubuyiseleni unxibelelwano phakathi kwendoda nomfazi-ukwakha umtshato owonwabisayo, owanelisayo kunye nohlala ixesha elide.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

Apho usapho lwalusisiseko esisigxina apho yonke enye into yayakhelwe phezu kwayo, namhlanje iintsalela zayo ezaphukileyo zingumthombo wezinto ezininzi ezihlupha uluntu. Kwaye ngelixa imitshato isadlula uqhawulo-mtshato, umsantsa uvalwa ngokukhawuleza. Umtshato sele usendleleni eya kwiziko elisilelayo.

U L. Ron Hubbard ubhale kakhulu kubudlelwane phakathi kwabantu kwaye uninzi lwayo lusebenza kobu buhlobo bobuqu. Kule khosi uya kufumanisa iindlela zokwenza umtshato usebenze, kutheni imitshato emininzi isilela, indlela yokufumanisa ukuba amaqabane afanelekile omnye komnye, kwaye ungawusindisa njani umtshato ongaphumeleliyo.

Ngelixa iimagazini zethu zigcwele ziingcebiso ze "pop" zeengqondo, umkhwa uye wanda ngakumbi. Nazi izisombululo zokwenyani-ezisebenzayo-ezinokusetyenziselwa ukuphucula naluphi na ulwalamano

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 4 ukuya kwezi 5. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: Umtshato
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi UmtshatoUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“iKhosi yoMtshato ibesisixhobo kakhulu ekuncedeni mna nomyeni wam okokuba siqondane, ngokufunda ukuba sihloniphane, sibonise ukunyaniseka nokuthembeka, nokuthetha xa sicaphukile kwaye singagcini umsindo ngaphakathi.

“Besisecicini lokwahlukana, sicinga okokuba akukho ndlela eyaze iwulungise umonakalo. Enye yezinto esiyisweleyo kwisithethe saseAfrika lunxibelelwano, njengoko umyeni uhleli inguye olawulayo kwaye nongenampazamo kuzo zonke iinkalo. Kwinkcubeko yethu, amadoda abalasele, abafazi baneentloni ukubonisa iimvakalelo zabo, kwaye kwimeeko ezininzi oku kukhokelela kuqhawulo mtshato. Asinabo abacebisi bemitshato abakwaziyo ukulungisa imitshato.

“Ndiyabulela kakhulu kwi-Cawe ye Scientology. Emva kokufunda le ncwadana, ndiye ndafunda kwaye ndaqonda okokuba umtshato sisiseko seyunithi yosapho.”

J.F.


“Xa ndandijongene nemiceli mngeni emtshatweni wami, ndandicinga ukuba ndiza kuqhawula umtshato ndade ndafumana abaPhathiswa bamaVolontiya kwi-intanethi. Ubomi bam bebudakumbisa kakhulu, kwaye andizange ndakhe ndaba nexesha lolwanwabo nomyeni wami.

“Ekwenzeni kwami iKhosi yoMtshato ndiphinde ndazibhaqa kwakhona kwaye amandla am ahlaziyeka kabutsha. Ndizifumene ndikwazi ukuthetha nabantu abaneengxaki zomtshato ndibe ngumcebisi ngokubanika ulwazi (iincwadana). Lo mzuzu ndiqala ukwabelana ngolwazi ndizibone sendifuna ukutshata ndingaqhawuli mtshato kwaye ndaqonda ukuba iingxaki zinokusonjululwa kwaye abantu bangaqala ubomi obutsha emva kokuhamba kumaxesha amabi ukuba banikwe ulwazi oluyimfuneko ukusombulula iiyantlukwano zabo.

“Ukutshata kuyimbeko kwaye ngokunxibelelana uyakuba nomtshato ogqwesileyo. Ndandingomnye wabo bonxibelelwano olubi kodwa ndibulela aBaphathiswa bamaVolontiya ngezakhono ezikhuthazayo nezenziwayo, xa ulandela indlela ezenziwa ngayo uyakuzivumbulula kwakhona.

Akukho nto ingenakwenzeka emtshatweni xa kuphela unolwazi lwabaPhathiswa bamaVolontiya. Ndingumntu omtsha notshintshileyo kwaye nabanye abahlobo bami ababeneengxaki ezifanayo nezi zami baqale ukuyixabisa imitshato yabo.

J.M.