AMACANDELO OKUQONDA
IKHOSI KWIINTANETHI
Kule khosi uzakufunda:
- Izinto ezintathu ezizisa ukuqonda kwayo nayiphi na into nokuba zinxibelelana njani
- Ungabuphucula njani ubudlelwane nabanye.
- Izixhobo ezichanekileyo ozidingayo ukwandisa ukuqonda kwakho naye wonke umntu omaziyo kunye nehlabathi elikujikelezileyo.
Amagqabantshintshi ngeKhosi
Iishelufa zokuziphucula zevenkile zeencwadi, amaza omoya kunye nezithethi ezizincedayo ezihamba isekethe yezifundo zonke zibonelela ngeendlela ezininzi zokuqonda ubomi. Nangona kunjalo umsinga ongapheliyo wobunzima bomntu awukaxazululeki.
Kule khosi, u L. Ron Hubbard uhamba phantsi kwazo zonke ezi "zisombululo" ukubonelela ngolwazi olusisiseko lwento eyiyo kanye ebonisa ukuqonda.
Yintoni onokuyenza ngolu lwazi? Ngokwazi ukuba yintoni kanye kanye ukuqonda, unezixhobo zokulawula ubomi uqobo. Oku kuthetha ukuba unezixhobo zokunyusa ukuqonda kwakho malunga nayo nayiphi na into-kubandakanya abantu obaziyo kwaye onxibelelana nabo.
Olu lwazi luyakwenza ukuba uncede abanye abahlangabezana nobunzima obubangelwa kukungaqondani, iimbono ezingafaniyo, ubudlelwane obuqhekekileyo kunye nezinye izigulo ezenza ubomi bomntu ibe luthotho lobunzima obulandelelanayo. Uya kufunda izinto zokuqonda, ukuba zinxibelelana njani kwaye zizisa njani ukuqonda. Ngezakhono umntu anokuzifumana kufundo lwezinto ezisisiseko eziqulathwe apha, unokunceda ukubuyisela abanye ekuqondeni kunye nabanye abantu nakwihlabathi elijikeleze abo.
Nangona kuphela inxenye yetekhnoloji epheleleyo uMnu Hubbard ephuhlisiwe ngalo mbandela uqulethwe apha, kwanele ukutshintsha indlela yakho ebomini. Kwaye ukusetyenziswa kwayo kuya kukunceda uchume kuwo nawuphi na umba wokusebenza kwabantu.
Ukuba ukunqongophala kokuqonda kungumthombo weengxaki zomntu, cinga amandla akhe ngaphandle kwesi sithintelo. Izigidi zabantu abasebenzisa olu lwazi bafikelela kwiindawo abebephupha ngazo ngaphambili-kwaye banceda abanye ukuba benze okufanayo.
Iinkcukacha ngeKhosi
Ubulula Bokufunda
Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.
Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.
Ubude Bekhosi
Iyure ezi 4. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.
Izixhobo
Incwadana: Amacandelo Okuqonda
okanye iNcwadi ye Scientology
Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.
I Supervision
Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.
Ukugqitywa kweKhosi
Ukugqitywa kwe iKhosi Amacandelo OkuqondaUyakufumana isiqinisekiso
Amabali Empumelelo
“Ndinebhongo ngokuthi ndiyigqibile ikhosi ethi Amaqhekeza oku Qonda ebonelelwa ngabaPhathiswa bamavolontiya. Le khosi ibe lundincedo kakhulu kumi kwi mihla ngemihla yobomi bami. Ekufundeni imigaqo yokuthandana, imeko eyinyani kunye nonxibelelwano, ndiyakwazi ngoku ukunxibelelana phantse nabani na ngokukhululeka. Ndisebenza umsebenzi apho unxibelelwano olufanelekileyo lubalulekile, ukanti ndiye ndaqonda ukuba ukuphakamisa unxibelelwano kunceda yonke into ebomini bami. Khawufane ube nomfanekiso-ngqondweni wehlabathi apho wonke umntu enobuchule bokunxibelelana. Elinjani lona ukuba bhetele ilizwe esinokuhlala kulo!
“Ngaphambi kokuqala le Khosi, bendinzinyelwe kakhulu emsebenzini. Inkampani endiyisebenzelayo yayihamba notshintsho olwalungabonakali kakuhle kubaxhasi bethu. Ukuba ngumphathi kule ndawo, ndandithwele ubunzima bokungoneliseki kwabo. Uxinzelelo lokutshintshiselana nabantu belundenza ndizive ndidiniwe ukuya kwinqanaba lokuba bendingayicingi into yokuba ndingaqhubeka nomsebenzi apho ndisebenza khona ngoku. Nditsalele aBaphathiswa bamaVolontiya kwinombolo yasimahla ngoxhaso, kwaye ndayalelwa ngqo kule khosi.
“Ngemva kokuthatha le khosi, ndiye ndaqaphela ukuba ndiyakwazi rhoqo ukuthintela ukungaqondani kunye nempixano. Ngokwenene ebekho amaxesha apho bendiye ndinikwe umntu onomsindo kwaye xa iphela incoko umntu lowo uyakundibulela! Ngoku lonto ndiyibiza ngokuba yimpumelelo!
“Ngokubanzi, oko ndenza le khosi, ukuhlanganyela kwami nabanye abantu kuye kwamnandi kakhulu kwaye njengebhonasi eyongezelelweyo ndifumana ukoneliseka ngakumbi emsebenzini wami. Ndonwabile ngeziphumo zami kwaye ndicebisa le khosi kuye wonke umntu!”
“Ikhosi indivumele ukuba ndenze ubutyebi kuyo yonke indawo yobomini bami. Ubudlelwane, imeko eyinyani kunye nonxibelelwano i-[ARC] ezi zenza unxantathu apho amava ami kubantu, iindawo nezinto ziguqulwa khona.
“Ndakha ubudlelwane bami ngengqondo yokungagwebi xa ndijonga imeko-bume endingqongileyo. Ndibona izinto njengoko zinjalo hayi into ezingeyiyo; Ndibona abantu into abayiyo hayi into abengeyiyo. Ngoko ke, ulwazi lwami lononwabo lwehlabathi lulonwabo olukhulu!
“Xa ndinxibelelana okanye ndinga nxibelelani, ndiyayazi ukuba ubudlelwane bami kunye / okanye inyani yami ziyahambelana okanye azihambelani nabanye abantu kwaye yonke esiyenzayo kukuphinda simisele unxantathu we ARC ukuze siqonde ngakumbi!
“Olunye uphumezo endikhe ndanalo kukuba ndinoxanduva endilumeleyo, ndilumke ngakumbi ukuba ndingunobangela kwizinto eziphathekayo zobomi bami. Umbuzo ebendihlala ndizibuza wona ngulo uthi yintoni ebalulekileyo kumi? Kukho usapho lwami, ikhondo lomsebenzi wami, impilo yami, ubudlelwane bami bothando. Kwaye neezo ndawo zobomi bami endizimisele ukuzisebenza ukuze ndakhe ukuqonda okungakumbi nangakumbi ngonxantathu we ARC. Ndiyabulela.”