IZISOMBULULO ZOBUNGOZI BOKUSINGQONGILEYO

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Kutheniokukungqongileyo kwakho kunokubangela ukuba uzive uphazamisekile, ungenakuzenzela nto kwaye wonganyelwe.
  • Unganceda njani ukunciphisa isoyikiso esibonakalayo sehlabathi elikujikelezileyo.
  • Izixhobo ezizakunceda ukwandisa ukuzithemba kwakho kunye nokubanako ukulawula okukungqongileyo.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

Siphila kwihlabathi eliyingozi, indawo eyingozi. Bukela iindaba zikamabonwakude okanye ufunde iphephandaba lakho lemihla ngemihla kwaye uphantsi kwento etyiwayo yemihla ngemihla yokukhuthuzwa, ukudlwengulwa, uqhushululu, ukubulala, imililo, iinyikima, izikhukula kunye neefam.

Ngaba uzifumanisa uphazamiseka ngenxa yento eyenzeka kufutshane nawe? Ngaba uziva ungenakuzinceda, ungakwazi ukulawula ezi ziganeko? Ngaba ukhe woyike ngamanye amaxesha?

Kule khosi, u L. Ron Hubbard usasaza lo mcimbi wobume obunobungozi, ebonelela ngeendlela ezingazukunceda kuphela ukuba woyise uloyiko lwakho, kodwa zikuvumele uncede abanye. Isetyenziswe kwinqanaba elibanzi, olu lwazi luzisa impembelelo enkulu yokuzola kwaye yenza ukuba abantu baphile ubomi obonwabisayo. Isetyenziswe kwisikali ngasinye-nguwe-iya kuphucula ubomi bosapho lwakho, abahlobo kunye nabahlobo.

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 3 ukuya kwezi 4. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: Izisombululo Zobungozi Bokusingqongileyo
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi Izisombululo Zobungozi BokusingqongileyoUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“Ndandimangalisiwe sisiphumo sokuzola kwam ngenxa yeemfundiso nolwazi oluqulathwe yile khosi. Bendi soloko ndizikhathaza ngeendaba noko bendikufunda kumaphepha ndaba. Ukufunda oko bekukule khosi ndenze iindlela zokunciphisa umoyiko, ndikwazile ukuzisa uxolo emoyeni wam nosapho lwam. Ndisebenzise ulwazi oluvela kwicandelo elithi "ukuJongana" yonke imihla emsebenzini abantu ngokuqinisekileyo bebemangalisiwe sisakhono sam sokuphatha umsembenzi wam.

“Lento ixabiseke kakhulu. Ndingacebisa okokuba olu lwazi lusasazwe ngokubanzi. Yenze ubomi bam ngcono amahlandla amaninzi njengoko bendiyisebenzisa rhoqo kwaye ndiyayazi iyakukwenza okufanelekileyo nakwabanye!”

D.T.


“Iyandimangalisa into yokuba zininzi kangakanani izinto eziphandle apha ezixelela abantu indlela abafanele ukuziva ngayo. Iindaba koomabonakude nakwiprinta zigcwele 'ukoyikisa,' amabali avavanya abantu bazive benomoyiko nosizi.

“Ndithathe ingcebiso ebhalwe kwincwadana ndangafundi iphephandaba kwaye ndanga bukeli iindaba kumabonakude iveki, kwaye umahluko mkhulu! Oko bendiqalise ngolu 'vavanyo,' ndonwabile kakhulu ndilala ngcono kwaye ndigqibele kudala ukudandatheka. Ngaphambi kokuba ndiqale, bendiqhele ukufunda amaphephandaba amabini okanye amathathu ngosuku, kwaye ijelo likamabonakude wam belihleli kwi netweki yeendaba imini yonke. Ungathi ndandiyinxubevange yeendaba—bendisoloko ndidandathekile, ndingenasikhuthazo kwaye ndilala kakubi.

“Ngoku endaweni yokufunda iphepha, ndiye ndifunde into evela kwi Scientology okanye i Dianetics, okanye into eyakha umoya wam. Xa kuthethwa ngomabona kude, sekunzima kwa ukuyivula emini, ngokuhlwa, ndijongelela iinkqubo endizithandayo, ngaphandle kwalo lonke uhanahananiso elinoba nakweliphi na ijelo elithengisa ngeendaba!

“Andizange ndiqonde ukuba zonke iindaba ezimbi zindichaphazele kangakanani, ngoku ndiziva ndinamandla kwaye ndigcwele impilo!

“Enkosi Scientology kunye no L. Ron Hubbard, ihlabathi liyabufuna ubulumko benu. Ndiza kufunda ngakumbi, ukuze ndikwazi ukunceda abantu-ungathembela kum.”

M.G.