II ASSIST UKUGULA NOKWENZAKALA

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Ungamnceda njani umntu ukuba alulame ngokukhawuleza kwingozi, ukugula okanye ukukhathazeka.
  • Luyntoni ulwalamano lwakho nomzimba wakho kunye nengqondo yakho—nokuba kutheni unamandla okuphembelela impilo yakho.
  • Izakhono onokuzisebenzisa ukunceda ukunciphisa intlungu yomntu kunye nokungonwabi.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

Abantu ngamanye amaxesha bayonzakala kwishishini lokuphila. Umzimba womntu uphantsi kwesifo, ukonzakala kunye neengozi ezahlukeneyo zempazamo okanye zomntu ozimiseleyo.

Ngokuqhubeka kweminyaka, iinkolo zizamile ukukhulula ukubandezeleka ngokwasemzimbeni woMntu. Iindlela ziye zaqala emthandazweni ukuya ekubekeni izandla, kwaye iinkolelo ezininzi ziye zavela ekuphenduleni ukusebenza kwazo ngamanye amaxesha. Yinkolelo eqhelekileyo, nangona kunjalo, nokuba yeyiphi na indlela esetyenzisiweyo, yokuba umoya unganefuthe kumntu.

Namhlanje, amayeza awunyanga umzimba xa kukho into engalunganga ngawo. Kodwa ayihoyi phantse lonke ulwalamano isiqu somoya kunye nomzimba wakhe kunye nefuthe langaphambili kwisiza.

Inyaniso kukuba, emva kwalo naluphi na unyango oluyimfuneko, umntu ngokwakhe unamandla amakhulu okuba nempembelelo emzimbeni nakwimpilo-ntle yakhe okanye ekusweleni kwayo.

U L. Ron Hubbard uphuhlise izicelo ezininzi zokufumanisa kwakhe izinto zengqondo nezomoya zobunzima bomntu. Kwaye njengoko ubuchwephesha ngakumbi nangakumbi buvela, iqela elitsha lobuchwephesha laqala ukusetyenziswa, elibizwa ngokuba yi "Assists"

Iindlela zi assists ezinokusetyenziswa nayo ziphantse zingabi namda. Zizoloko zinceda kwaye zihlala zineziphumo ezingummangaliso. Uninzi lwe assists lukhona namhlanje kuluhlu olubanzi lweemeko, kwaye uninzi lwezona zisisiseko kunye nokusetyenziswa ngokubanzi zibandakanyiwe kule khosi. 

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 4 ukuya kwezi 6. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: ii Assist Ukugula Nokwenzakala
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi ii Assist zokuGula NokwenzakalaUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“Ndiqhubekile ndikhangela ndade ndafumana i Scientology kunye nee assists zayo. Ndingakwazi ukutsho ngoku ukuba ndiyifumene into ebendiyikhangela. Okoko ndikwazi ukesebenzisa ii assist, ndikwazile ukuba namandla okunceda ngokuphembelela ukuphila komzimba.

“Kuyinto entle ukubona abantu bephila kwaye betshintsha ubom babo.” Ngoku ndenze abahlobo abaninzi kwaye ndiqalise ukufundisa ngee assists kwimibutho endikuyo.

“Ngoku ubom bam bunenkuthalo ebonakalayo, kwaye ndiyayazi into yokuba ndizakunceda abantu ixesha elide, kuba ndifumene indlela enamandla yokufaka igalelo ngokupheleleyo hayi kuluntu nje kodwa kwilizwe liphela lami.”

F.N.


“Ndibulela kule klasi ndiyakwazi ngoku ukulala kwakhona. Ngaphambili bekukho amaxesha amaninzi apho unyana wam oneminyaka emine ubudala ebeba neentlungu emilenzeni. Ngokwesiqhelo wayehlala enoluhlobo lweentlungu xa nam ndandiniwe kuqala kwaye ndingenawo namandla okumnceda.

“Kodwa ndithe ndakufunda ngee assists kwaye ndaqala ukuzisebenzisa, ndikwazile ukumnceda ndiphinde ndimlalise kwakhona kwimizuzu engaphantsi kwemihlanu. Le isincede kakhulu. Ukwazile ukulala kubonakala ukuba iintlungu azikho, kuye kwathi xibilili ukufumana kwam indlela yokumnceda kunye nosapho lwam lonke (kuba nalo belubandazelekile). Kulula, xa usazi ukuba wenzentoni. Ndinqwenela ingathi wonke umntu angazi ngalento kwaye ayizame.”

M.H.