II DYNAMICS ZOBUKHO

IKHOSI KWIINTANETHI

Kule khosi uzakufunda:

  • Inkuthazo esisiseko kuzo zonke izenzo zakho kunye nezigqibo.
  • Amacandelo asibhozo ahlukeneyo enza ubomi kwaye ngalinye linxibelelana njani nelinye.
  • Ungazenza njani ngokuzithemba izigqibo ezifanelekileyo ebomini.

Amagqabantshintshi ngeKhosi

Kule minyaka ingamawaka, uMntu uzamile ukuvavanya indawo yakhe kweli hlabathi liphathekayo. Ufanele njani ukuba ahlangane nabo bonke ubomi bonke, kunye nabanye? Luthini olona xanduva analo, kwaye kubani?

Iimpendulo ezichazayo bezingafumaneki, hayi kumaGrike amandulo, nakwizithandi zengqondo zezinto zakutshanje.

Kwaye kwahlala ke de u L.  Ron Hubbard wayiqonda i goal yakhe ekudala ifunwa: ukufunyanwa komgaqo wokumanya osebenza kubo bonke ubomi, into efanayo apho bonke abantu, kwaye, bonke ubomi, banokuqondwa.

Ukusuka koku kwafika umkhukula wezinto ezavelisa ukukhanya okutsha kwindalo yomntu kunye nobomi.

Imigaqo kule khosi isombulula ingxaki yakudala yokuziphatha ngokulungileyo nokungalunganga kwaye izise inqanaba elitsha lokuqiqa. Ngabo, umntu unokulungelelanisa izinto ezahlukeneyo zobukho, ngokungaguquguqukiyo enze izigqibo ezichanekileyo xa ejongene nokukhetha kunye nokufezekisa umbono omtsha kumkhombandlela okhoyo kubomi bakhe.

UMnu Hubbard wandise le migaqo kweminye imibhalo emininzi kunye neentetho. Kodwa oku kulandelayo kubonisa ubume besifundo kunye nendlela esebenzayo yokuphila ngempumelelo esetyenziswa-, zizigidi.

 

Iinkcukacha ngeKhosi

Ubulula Bokufunda

Lekhosi ibekwe ngendlela yenyathelo ngenyathelo, elinemisebenzi elandelelanayo efundwayo kunye nemibuzo ukujonga ukuba uyaqonda na.

Phambi kokuba uqale, zenzele imvume yokungena kwi website ye Scientology. Xa ungene ngemvume, inkqubo ekwiintanethi iya kukukhokela kwinqanaba ngalinye lekhosi ukuya ekugqityweni ngokupheleleyo, ngazo zonke izixhobo zekhosi ezikwi website ye Scientology.

Ubude Bekhosi

Iyure ezi 4. Unako ukuyenza ikhosi ngexesha elikhethwe nguwe. Ngamanye amagama, akunyanzelekanga ukuba uyigqibe ngexesha eliqingqiweyo. Ikhosi yinkonzo yethu kuwe, ifelefele.

Izixhobo

Incwadana: iKhosi Dynamics zoBukho
okanye iNcwadi ye Scientology

Izixhobo zakho zesifundo zidityanisiwe kwikhosi kwiintanethi. Ngamanye amagama, xa ungene ngemvume, ungazifunda izixhobo ezivela kwinkqubo yekhosi esikwiintanethi njengoko usenza inyathelo ngalinye. Siyacebisa ukuba ukhuphele simahla okanye uthenge le ncwadana, ukuphonononga nokubhekisa kuyo xa ungangenanga kwinkqubo yekhosi.

I Supervision

Ukuba nangaliphi na ixesha ufuna uncedo kwizifundo zakho, musa ukuthandabuza, nxibelelana supervisor yekhosi sakho kwi-Intanethi, onokufikelela kuye usebenzisa “Ufuna uncedo?” iqhosha kwinkqubo yakho yekhosi esikwiintanethi. Supervisor yekhosi esikwiintanethi uyakunceda uqinisekise ukuba uyaqonda kwaye uphumeze olona ncedo lukhulu kwizixhobo zekhosi. Isiphumo kukuba ukwazi ngokupheleleyo ukusebenzisa idatha equlethwe kuyo.

Ukugqitywa kweKhosi

Ukugqitywa kwe iKhosi Dynamics zoBukhoUyakufumana isiqinisekiso nge-meyile.

 

Amabali Empumelelo

“Ngokwenene ibingamava amnandi ukufunda malunga ne dynamics [Iintshisakalo okanye iindlela ezahlukeneyo umntu aqhuba ngazo ebomini ukuze aphile]. Ndiyayazi ngoku into entle enokunceda wonke umntu ukuba aqonde ngakumbi malunga neemvakalelo zakhe nokuba angayitshintsha njani yonke into ebomini bakhe. Sisixhobo esihle kakhulu sawowonke umntu, kubandakanya ootitshala, abacebisi, abazali, abathengisi kunye nawo wonke umntu ekufuneka ejongane nabanye.

“Umntu omnye endimncedileyo ngoku usemathandweni kwaye ukhululeke ngokupheleleyo ukuba aphinde aphile kubudlelwane bakhe, emva kokubandezeleka ngaphezulu kweminyaka elishumi enengxaki ethe emva kokuyiphonononga kwilensi yee dynamics, yavele yaphela.

“Ngezixhobo nokuqonda endikufumene ngexesha ndisenza le khosi, ndinokunceda abantu ngeengxaki zabo (uluhlu olukhulu lwabantu) ebezihlezi zikhona ebomini babo ngaphezulu kweshumi leminyaka okanye into ololo hlobo, kwaye yonke into isebenze kalula.

"Ndiyacebisa wonke umntu ukuba aye kule khosi."

J.M.


“Le khosi indincede ukuba ndikwazi ukujonga ngaphandle kwami kwaye ndiqwalasele ezinye iindawo ebendisoloko ndingazihoyi, nezihlala zingahoywa nangabanye abantu. Izabelo ezenziwayo zindincede ekuboneni izinto ngomlinganiselo omkhulu kakhulu, ngakumbi ekufumaneni izisombululo ezifanelekileyo.

“Kubenomvuzo ukunceda umntu afumane isisombululo esifanelekileyo kwimeko awayejamelene nayo ngokusebenzisa ii dynamics [Iintshisakalo okanye iindlela ezahlukeneyo umntu aqhuba ngazo ebomini ukuze aphile] 'njengendawo ekubhekiswa kuyo.' Le ibe yimpumelelo enkulu kuthi sobabini.

“Ndiqalisile ukubandakanyeka, kwaye ndiziqonda ngakumbi, zonke ii dynamics ngokuchasene nezimbalwa okoko ndigqibile le khosi, kwaye oko ngumoyiso obaluleke kakhulu. Ndiyabulela ngenkokhelo yenu, inkuthazo, kunye noncedo ngale khosi.”

R.L.